Elona Bali likaYesu
Bukela Elona Bali likaYesu
KwiPhepha
Abantu bathandaza
×
Ukuba uthandaze ngosindiso ungumntwana kaThixo ngoku.
“Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.” –KwabaseRoma 10:9
×
Ungaluthandazela nathi ngoku usindiso lwakho.
Thixo Endimthandayo
Ndiyavuma ukuba uYesu yiNkosi. Ndiyakholwa ukuba ngowentombi enyulu, wafela izono zam emnqamlezweni,wavuka
emva kweentsuku ezintathu. Ndiyavuma ukuba ndikonile, andikwazi kuzisindisa. Ndixolele, ndithemba uYesu yedwa. Ngoku ndingumntwana wakho ndiza kusoloko ndinawe. Ndikhokele ngoMoya wakho oyiNgcwele. Ndincede ndikuthande ngokupheleleyo, ndithande nabanye njengam. Enkosi ngokundisindisa ngegazi loNyana wakho.
Ndithandaza egameni likaYesu. Amen.




